Skip Ribbon Commands
Skip to main content
CoCT logo
Environmental Resource Management
  Skip Navigation LinksCity of Cape Town > English > Environmental Resource Management > Env. dictionary > Xhosa version
Skip navigation links
Home
What's new
Dept. functionsExpand Dept. functions
Projects+ProgrammesExpand Projects+Programmes
Nature reserves
Invasive speciesExpand Invasive species
Smart living
Tips for smart livingExpand Tips for smart living
Energy efficiencyExpand Energy efficiency
Youth Env. SchoolExpand Youth Env. School
EE FriendsExpand EE Friends
Interns
PublicationsExpand Publications
Env. dictionaryExpand Env. dictionary
Contact us
Website feedback
Xhosa version

Isichazi magama sakho samaGama A-Z okusiNgqongileyo

Esi sichazi-magama luluhlu lwamagama abalulekileyo kwindalo esingqongileyo ukusuka ku-A ukuya ku-Z ekuncedeni wena ukwazi ukufunda kwaye uqonde lukhulu ngendalo yethu esingqongileyo.

Click on a letter below, or scroll down to find the meaning of a word. Alternatively, view the dictionary as a PDF [181KB].

A B C D E F G H I J K L M N O P Q R S T U V W X Y Z

A

I-Ajenda 21 (Agenda 21)
Umgaqo-nkqubo waphesheya ekwakuvunyelwene kuwo kwiNkomfa eyayiseRio ngonyaka ka-1992. Phantsi kwe-Ajenda 21, izizwe zavumelana ukuba zisebenzele uphuhliso lwentlalo noqoqosho oluzinzileyo kunye nophuhliso lokusingqongileyo.

I-Ajenda 21 yeNgingqi (Local Agenda 21)
Iiprojekthi zikarhulumente weengingqi zokwenza uphuhliso oluzinzileyo phantsi kwe-Ajenda 21. Olu xwebhu lusekelwe kuMgaqo-nkqubo waphesheya ekwavunyelwana kuwo kwiNkomfa yokusiNgqongileyo noPhuhliso eyayibanjwe eRio, eBrazil ngonyaka ka-1992.

I-Akhwifa (Aquifer)
Ukudaleka kwamatye anamanzi phantsi komhlaba – la manzi asenokufumaneka aze asetyenziswe ekuhlambeni nasekuphekeni.

B

Abachaphazelekayo (Stakeholders)
Abantu nemibutho ebandakanyekayo okanye abanomdla kummandla okanye kumba, umz. abemi, amalungu ebhunga, osomashishini, umanyano lwabasebenzi borhwebo olunye.

Abalekayo (Runoff)
Amanzi angangeni emhlabeni kodwa adada ngaphezulu nakumphezulu wamanzi wendalo.

Abanye oovimba bombane (Alternative energy sources)
Bakwabizwa ngokuba "ngoovimba bombane abanokuhlaziywa” kuba aba vimba, abanjengelanga nomoya, abanakuze baphele. Ngokungafaniyo nombane ovela kumsi weefosili ezinjengelahle ne-oli ekrwada (engapheliswa), aba vimba abakhokeleli ekudityanisweni kweegesi ezinobungozi emoyeni.
 
Ibhayom (Biome)
Iyunithi enkulu enezityalo nezilwanyana ezinezinto ezifanayo ngokwenziwa zimeko zokusingqongileyo, kodwa aziquki izinto ezingaphiliyo (abiotic) zendalo.

Ibhayosfiye (Biosphere)
Inxenye yomhlaba apho izinto eziphilayo zihlala khona.

Ibhayotha (Biota)
Izinto eziphilayo (izilwanyana nezityalo) ezikummandla othile.

Ubonelelo ngamanzi (Water supply)
Amanzi aqokelelwayo aze agcinwe – ikakhulu kumadama ukuze asetyenziswe kwizixeko nasezidolophini.

Ubudlelwane beNdalo (Ecosystem)
Unxulumano kunye nentsebenziswano phakathi kwezityalo, izilwanyana kunye nezinto ezingaphiliyo kokusingqongileyo.

Ubudlelwane bendalo emanzini (Aquatic ecosystem)
I-ikhosistim yasemanzini ebonelela izityalo nezilwanyana zasemanzini ngekhaya ekwagcina iinkqubo ezimalunga nezinto eziphilayo zasemanzini.

Ubuhle (Aesthetic)
Ukubona izinto ezintle okanye ukuthanda ubuhle.

Ubuhlwempu (Poverty)
Ngaphezulu kokunqongophala kwemivuzo.  Imeko apho abantu bengakwazi ukufikelela kumgangatho ofanelekileyo wokuphila.

Ubulungisa kokusingqongileyo (Environmental equity)
Ukhuselo olulinganayo lwabantu, amaqela kunye nemimandla kwiingozi zokusingqongileyo.

Ubuninzi bezilwanyana (Species richness)
Inani lezilwanyana kummandla okanye kwikhaya.

C

Ukucanda (Zoning)
Ulawulo lokusetyenziswa komhlaba ngokuvumela kuphela uphuhliso lomhlaba kwimimandla okanye imida emisiweyo.

Icandelo elisemthethweni (Formal sector)
Inxenye yoqoqosho apho abantu beqeshwe ngurhulumente, amashishini kunye neenkampani.

IsiCwangciso soPhuhliso esiHlanganisiweyo (Integrated Development Plan - IDP)
Isicwangiciso sophuhliso lweSixeko saseKapa esiqwalasela sikwadibanisa zonke izinto ezibalulekileyo, umz. isicwangciso sokusetyenziswa komhlaba kwingingqi, uphuhliso loqoqosho lwengingqi, utyalo olwenziwe luluntu nokujonga okwenzekayo.

I-Chlorofluorocarbons (Chlorofluorocarbons - CFCs)
Usapho lwamachiza oludla ngokusetyenziswa kwizixhobo ezizisa umoya nakwiifriji ezinjengolwelo olusetyenziswa ekupholiseni ezikwanjengezinyibilikisi kunye nezidubuli. IiCFC zinyukela phezulu kwiathimosfiye apho iklorin yazo itshabalalisa umoya iozowuni.

D

Idama lamanzi eemvula (Catchment)
Ummandla womhlaba oqokelela amanzi emvula emilanjeni okanye kumsinga, othi emva koko uthwale amanzi uwase echibini okanye elwandle.
 
Ukudaleka kwentlango (Desertification)
Inkqubo apho indawo okanye ummandla ubhara kakhulu ngenxa yelahleko yomhlaba nezityalo.

E

Enokwenza nokusingqongileyo (Environmental)
Inento yokwenza nokusingqongileyo.

F

Ufundo ngezinto eziphilileyo neendawo eziphila kuzo (Ecology)
Ubunzululwazi ngofundo bokunxulumana phakathi kwezinto eziphilayo (izilwanyana, izityalo kunye nabantu) kunye nendalo ezingqongileyo.

Ukufudukela ezidolophini (Urbanisation)
Imfuduko yabantu besuka emaphandleni besiya kwimimandla esezidolophini – oku kungakhokelela kwinani labemi elingaphaya kokuqonda kunye nokungabi namisebenzi kwimimandla yasezidolophini.  Ukufudukela ezidolophini yeyona nkqubo inkulu ebangela ukudaleka nokuphuhliswa kwezixeko.

Ukufudumala elizweni jikelele (Global warming)
Ukunyuka okuqaphelekayo kobushushu bomoya waseHlabathini kunye nakumalwandle kule minyaka yabumini kunye nokuqhubeka kokunyuka okucingelekayo. Ukunyuka kobushushu elizweni jikelele kungabangela okunye ukutshintsha, okuquka umgangatho wokunyuka kolwandle notshintsho kumthamo kunye nobuninzi bemvula. Oku kutshintsha kungandisa ubuninzi kunye nobukhulu beziganeko zemozulu, ezinjengezikhukula, iimbalela, ixesha elide lobushushu obugqithileyo, izivuthuvuthu zomoya kunye neenkanyamba

Ifuthe lamaqondo obushushu abanjwe lungcoliseko (Greenhouse effect)
Ukwanda okukhawulezileyo kumaqondo obushushu bomhlaba okwenziwa yimitha yelanga efikelela kumphezulu womhlaba nethi ibambeke ngenxa yongcoliseko lomoya.

I-Fynbos (Fynbos)
Imithana ekhula kancinci nehlala iluhlaza efumaneka kuphela emazantsi eNtshona Koloni. Ifynbos yaziwa ngobutyebi bayo kwizityalo nezilwanyana ezohlukeneyo.

G

Ukugawulwa kwamahlathi (Deforestation)
Ukutshatyalaliswa kwamahlathi kunye nemithi, nokukhokelela ekuguqukeni kwemozulu, ukufa kwezilwanyana kunye nokhukhuliseko lomhlaba.

Igesi echaphazele ifuthe lamaqondo obushushu (Greenhouse gas)
Ilungu lomoya wegesi elichaphazela ifuthe lamaqondo obushushu abambekileyo.

H

IHidroloji (Hydrology)
Izinto eziqulethweyo, usasazo kunye nokutyhutyha kwamanzi emhlabeni. 

Uhlanganiso (Integrated)
Ukuxutywa okanye ukudityaniswa kolwazi lulonke olubalulekileyo lube yinto enye okanye lube yinto edityanisiweyo.
>> Jonga uLawulo lweNdalo esiNgqongileyo oluHlanganisiweyo.

Ukuhliswa (Degradation)
Ukuhliswa komgangatho wendalo ngenxa yemisebenzi yoluntu, umz. ukuhliswa komlambo, ukuhliswa komhlaba.

Uhlobo olungelolommandla othile (Alien species)
Izityalo nezilwanyana ezingaveli ngokwendalo kummandla othile – eziziswa ngabantu.  Izityalo ezingeneleleyo zithi ngamaxesha amaninzi zikhuphele ngaphandle kummandla ezo ziyinkulelane yalapho. IRooikrans ngumzekelo omhle wolu didi eKapa.

Uhlobo lwasezidolophini (Urban form)
Izakhiwo ezifumaneka kwimimandla yasezidolophini.

K

Ikhaya lezilwanyana (Habitat)
Indalo esingqongileyo yemvelo elikhaya kwizityalo nezilwanyana kummandla, apho zihlala, zitye kwaye zizalele khona.

Ukhenketho olujongene nezokusiNgqongileyo (Ecotourism)
Ucwangciso kunye nolawulo lokhenketho ngendlela ebonisa ukhathalelo lwendalo.  Olu khenketho lukwaquka ukuncedisa okusingqongileyo kuzinzile ngenzuzo yezoqoqosho efumaneka kwezokhenketho, umz. izibonelelo zokukhempisha, umzila wamahashe kunye nokubukelwa kwendalo.

Ukhukhuliseko lomhlaba (Soil erosion)
Ilahleko yomhlaba ngenxa yokhukhuliseko, ukuhlambeka nokuwa komhlaba.

Ukuba yinxalenye yento eyenziwa lihlabathi  (Globalisation)
Inkqubo yokuba yinxenye yoqoqosho lwehlabathi.

Ukukhula kwenani labemi (Population growth)
Ukwanda kwenani labantu, umz. xa izinga lokuzala liphezulu kunelokufa, xa abantu abaninzi befika esixekweni bezokuhlala kunaxa beshiya isixeko.

Ukhutsho (Emissions)
Ukukhutshwa okanye ukukhupha izinto okanye ulwelo, umz. umsi wemoto.

Ukukwazi ukuzinza (Sustainability)
Ukuba nako ukujongana neemfuno zezizukulwanwa zangoku nezexesha elizayo ngokusetyenziswa koovimba ngendlela efanelekileyo.

Ukukwazi ukukhuphisana nehlabathi (Global competitiveness)
Ukuba nakho kommandla ukudala umtsalane kwinzaliso-mali yezizwe zangaphandle neyeengingqi kwakunye nokuthengisa izinto neenkonzo kwizizwe ngezizwe.

Ukunyibilikiswa Intsholongwane iColiform (Coliform bacteria)
Iqela leentsholongwane ezifunyanwa ikakhulu kwituwa yezilwanyana kunye namanzi amdaka edolophu, ezibonisa umgangatho wamanzi.  Azibangeli zifo kodwa zibonisa ubukho obungathandabuzekiyo beentsholongwane ezidala izifo.

Ukwanda kwetyuwa (Salinisation)
Ukwanda kweetyuwa okanye ukuyinyibilikisa emanzini okanye inkqubo apho iityuwa zisanda emhlabeni, de zimoshe izityalo ezilinyiweyo.

L

Ukulahla (Disposal)
Ukukhutshwa, ukufaka, ukuncuntsa, ukulahla, ukuchitha, ukuvuza, okanye ukubeka nayo nayiphi inkunkuma okanye inkunkuma eyingozi kokusingqongileyo (umhlaba, kumanzi angaphezulu, kumanzi asemhlabeni kunye nasemoyeni.

Ulawulo (Governance)
Inkqubo nendlela esetyenziswa ukulawula ummandla okanye umba, umz. ulawulo lokusingqongileyo.

Ulawulo lokusingqongileyo (Environmental management)
Ukuqinisekisa ukuba iinkxalabo ngokusingqongileyo ziqukiwe kumanqanaba ewonke ophuhliso, ukuze uphuhliso olo luzinze. 

ULawulo lwedama lamanzi emvula (Catchment management)
Imimandla elawula nekhusela idama lamanzi emvula – imimandla yomhlaba eqokelela amanzi emvula emlanjeni okanye kumsinga, othi emva koko uwathwale amanzi uwase echibini, edameni okanye elwandle.

ULawulo lwenkunkuma (Waste management)
Inkqubo yolawulo lokunciphisa, ukuqokelela nokulahla inkunkuma ngokwemigaqo-nkqubo ecacileyo nemigangatho yendalo esingqongileyo, umz. ukunciphisa iiplastiki zokuphatha.

ULawulo oluHlanganisiweyo lwaMadama aManzi eeMvula (Integrated Catchment Management - ICM)
Umgaqo-nkqubo wokulawula ummandla onamadama agcina amanzi eemvula ngokuthi kuqukwe lonke ulwazi olubalulekileyo, izinto ezichaphazela oku kunye nabathathi-nxaxheba nabanendima kokusingqongileyo kule mimandla.

ULawulo oluHlanganisiweyo lokusiNgqongileyo (Integrated Environmental Management - IEM)
Indlela yokulawula okusingqongileyo ngokuquka izinto  zokusingqongileyo zamanqanaba onke ophuhliso.  Oku kuquka ukucinga ngezinto eziphathekayo, ezasentlalweni, inkcubeko kunye noqoqosho kwakunye nokubonisana nabo bonke abantu abachaphazelekayo kuphuhliso olucetywayo.

Ukulima ihlathi (Afforestation)
Indlela okanye inkqubo yokumisa ihlathi, ngakumbi kumhlaba ongazange waba nahlathi ngaphambili.

Ukusetyenziswa kwakhona kwezinto ezilahliweyo ekwenzeni into entsha (Recycling)
Ukuqokelela, ukucoca kunye nokusetyenziswa kwakhona kwezinto esele zisebenzile.

Ulawulo loovimba (Resource management)
Ulawulo nokusetyenziswa koovimba ngendlela ecwangcisiweyo nethembekileyo.

Ilifu elinetyhefu (Toxic cloud)
Ingqimba yeegesi, imiphunga, nomsi ezivela emoyeni okanye kwisipreyi esinento enetyhefu.

Ulimo lwasezidolophini (Urban agriculture)
Ukulinywa kwezivuno kwimimandla yasedolophini kunye nakwimimandla yemida yasedolophini, ngeenjongo zoqoqosho okanye zokuphila. Umsebenzi udla ngokuba ngumlinganiselo omncinci kodwa usebenzise kakhulu.

Ulimo oluzinzileyo (Sustainable agriculture)
Iinkqubo eziyihloniphayo indalo ezivumela ukuveliswa kwesivuno okanye imfuyo ngaphandle komonakalo efama nakubudlelwane bendalo, kuquka ifuthe emhlabeni, ukunikezelwa kwamanzi, iintlobo ntlobo zezityalo nezilwanyana okanye oovimba bokusingqongileyo.

Ulondolozo (Conservation)
Ukukhusela, ukusebenzisa kunye nokusindisa oovimba ngobulumko, ingakumbi izityalo nezilwanyana ezifumaneka kummandla othile.

EzaseLwandle (Marine)
Ezolwandle, okanye ezinento yokwenza nolwandle.

Ulwazi (Data)
Ulwazi, ingxelo-manani kunye neengxelo ezisetyenziswe ekuhlaziyeni iiNgxelo zoZinzo..

Ulwazi ngezilwanyana ezisengozini (Red Data species)
Izilwanyana ezisengozini ezihlelwe njengezisengozini yokupheliswa.

M

Amacandelo angekho mthethweni (Informal sector)
Inxenye yoqoqosho apho abantu bazisebenzelayo bezenzela indlela yokuphila kwimisebenzi enjengorhwebo lwasezitratweni.

Amachweba omlambo (Estuaries)
Ububanzi bemijelokazi yemilambo xa isondela elwandle.

Ukwenza iziganeko ezindilisekileyo (Event greening)
Ukusindleka imicimbi okanye iinkonzo ezinxulumeneyo, engachaphazeli kakhulu okusingqongileyo nangendlela enenzuzo enkulu kubantu.

Amadlelo (Veld)
Igama lasemZantsi Afrika lezityalo zendalo, ikakhulu ithafa lengca, elinamatyholo okanye imithi ethe saa.

Amadlelo angamafusa (Greenfields)
Amacandelo omhlaba angaphuhliswanga, asetyenziselwa ezolimo okanye ayekelwe nje kwindalo.

Umaleko weozowuni (Ozone layer)
Umaleko weozowuni oqala malunga nekhilomitha ezili-15 ngaphezu koMhlaba uze unciphe xa umalunga nekhilomitha ezingama-50, ukhusela umhlaba kwimitha yelanga enobungozi.

Amandla enyukliya (Nuclear power)
Amandla adalwa zizikhululo zamandla enyukliya nezikhokelela kwinkunkuma yenyukliya.

Amanxuwa (Brownfields)
Izibonelelo zorhwebo nezamashishini ezingasasetyenziswayo okanye ezisetyenziswa kancinci apho ukwanda okanye uphuhliso lubanjwa yingxaki yongcoliseko lokusingqongileyo olunokwenzeka okanye olucingelwayo.

Amanzi amdaka (Grey water)
Nawaphi na amanzi asele esetyenzisiwe anakho ukusetyenziswa kwakhona ngaphandle kokucocwa.

Amanzi amdaka alahliweyo (Wastewater)
Amanzi ashiywe emva kokuba esetyenzisiwe, umz. kumakhaya, kwiigadi nakwiifektri.

Amanzi aphantsi komhlaba (Groundwater)
Amanzi afunyanwa phantsi komhlaba, abonelela amaqula, imingxuma yesitsala-manzi kunye nemithombo.

Amanzi angaphezulu (Surface water)
Amanzi angaphezu komhlaba kumachibi, emadameni, emilanjeni nakwizidibi.

EzaseManzini (Mariculture)
Izityalo ezikhulayo zaselwandle kunye nezilwanyana kwindawo yazo elwandle okanye kwifama zolwandle ezisemhlabeni.

Amathafa ezikhukhula (Floodplains)
Ummandla othe tyaba okufutshane nemilambo, owenziwe yimihlaba ekhutshwe ngexesha lezikhukhula.

Amatyotyombe (Informal settlement)
Izindlu (ikakhulu ezexeshana) eziphakamileyo emhlabeni apho ezininzi zingakhange zaziswa kwaye ezingalungelanga ukuba zisetyenziselwe ukuhlala abantu.

Umbane welanga (Solar power)
Umbane osebenza ngamandla elanga kunye nokukhanya.

Imbonakalo-mhlaba (Landscape)
Inkqubo nolwakhiwo lommandla othile okanye indawo equka indalo ewungqongileyo, izakhiwo kunye nentlalo-qoqosho yaloo mmandla.

Umchiza onetyhefu (Toxic chemical)
Into ebangela ukugula qho, ukutyhefa, iziphene zokuzalwa, isifo okanye ukufa xa ityiwe, iphefumlelwe ngaphakathi okanye ifunxwe zizinto eziphilayo.
 
Umgaqo-nkqubo (Policy)
Isikhokelo okanye isiseko sento emayenziwe ukoyisa iingxaki ezichongiweyo nokuphumeza iinjongo ezichongiweyo.  Imigaqo-nkqubo iya kukunceda ukuba wenze izigqibo kwaye ulawule umbutho okanye iziko. Imigaqo-inkqubo isekelwe kwiimbono zabantu kunye neenjongo eziphambili.
>> Jonga uMgaqo-nkqubo oHlanganisiweyo wokusiNgqongileyo weNqila.

UMgaqo-nkqubo oHlanganisiweyo wokusiNgqongileyo weNqila (Integrated Metropolitan Environmental Policy - IMEP)
Umgaqo-nkqubo wokusingqongileyo ophuhliselwe isiXeko saseKapa. I-IMEP ngumzekelo omhle woLawulo oluHlanganisiweyo lokusingqongileyo.

Umgaqo-nkqubo wokusingqongileyo (Environmental policy)
Izikhokelo kunye nemithetho yokulawula nokukhusela okusingqongileyo.
>> Jonga Umgaqo-nkqubo oHlanganisiweyo wokusiNgqongileyo.

Umhlaba olimekayo (Arable land)
Umhlaba otyetyiswe ngokwaneleyo onokutyala ze wenze nefama kuwo.

Imibhobho yamanzi eziphango (Stormwater drainage)
Inkqubo yemibhobho ephantsi komhlaba esusa imvula namanye amanzi emhlabeni, ezindleleni kunye nasemilanjeni, amachibi kunye naselwandle.

Imibhobho enamanzi amdaka edolophu (Sewage)
Amanzi amdaka asuka ezindlini okanye kumashishini nahanjiswa yimijelo nemibhobho ephantsi komhlaba.

Imibutho engekho phantsi kukarhulumente (Non-governmental organisations - NGOs)
Amaqela kunye nemibutho engaphandle kurhulumente nethi ithathe inxaxheba ekunikezeleni iingcebiso, inkxaso, ingxowa-mali kunye nomsebenzi wophuhliso.  Ikwaziwa njenge- "NGOs".

Imibutho yasekuhlaleni (Community-based organisations - CBOs)
Amaqela asekuhlaleni athatha inxaxheba kwinkxaso nakumsebenzi wophuhliso kwingingqi.

Imigxobhozo (Wetlands)
Indawo enamanzi emhlabeni ikakhulu kumphezulu okanye kufutshane nawo, uze ubangele indawo yemigxobhozo, umz. intlambo, indibongo (swamps).

Ummandla Okhuselekileyo waseLwandle (Marine Protected Area - MPA)
Ummandla apho ezinye iintlobo zentlanzi okanye izityalo zikhuseleke khona.

Imodeli eyiMpendulo kuXinzelelo kokusiNgqongileyo (Pressure-State-Response model)
Imodeli esetyenziswa ukuchaza ngoxinzelelo olufunyanwa kokusingqongileyo, ubume balo kunye neempendulo ezikhoyo nezexesha elizayo kwizinto ezicela umngeni kokusingqongileyo.

Umoya osijikelezileyo (Atmosphere)
Umoya ojikeleze umhlaba, ochazwe njengothotho lomaleko weempawu ezahlukeneyo. Umoya wenziwe ngakumbi yigesi ethile engenambala navumba neoksijini enentwana yekharbon enembumba yeoksijeni eneathom yesinyithi, umphunga wamanzi kunye nezinye iigesi, ezisebenza njengesidambisi esiphakathi koMhlaba nelanga.

Umthamo (Carrying capacity)
Ubukhulu benani labasebenzisi abanokuxhaswa nguvimba, umz. ubukhulu benani leenkomo elinokutyiswa kwifama enye.

Imvula ene-Asidi (Acid Rain)
Umoya ongcolisekileyo ovela kwiifektri kunye namaziko ombane ngamaxesha amaninzi ubane-sulphur dioxide kuwo. Oku xa kuthe kwadibana namanzi emvula, ufumana imvula ene-asidi.  Imvula ene-asidi yonakalisa izityalo nezakhiwo kwaye ingonakalisa nempilo yakho.

Umxube wenkunkuma nomsi (Smog)
Uthuli, umsi okanye umsi wamachiza olungcolisa umoya kwaye lwenze kube nenkungu, iimeko ezingekho sempilweni.
 
Umxube ophakathi (Median concentration)
I-avareji yokulunga komlinganiselo wezinto ezifumaneka emanzini njengenayitrojeni kunye namachiza athile asetyenziswa ikakhulu kwizichumiso (phosphates) afunyanwa kumlinganiselo othile wamanzi.

N

Uncedo lwendalo (Bioremediation)
Ukusetyenziswa kwezinto eziphilayo (umz. intsholongwane) ukucoca ukuchithakala kweoyile okanye ukususa ezinye izingcolisi emhlabeni, emanzini nakumanzi amdaka.

Ukuncipha komhlaba (Land degradation)
Ukuhla komhlaba okanye kwezityalo kwinkxaso yobomi, ngenxa yomonakalo wawo/wazo nowamachiza azo nto leyo eba ngegalelo ekubeni ungakwazi ukuncedisa kunxulumano lwendalo oluzinzileyo.

Indalo (Natural environment)
Indalo yethu esingqongileyo iquka izityalo nezilwanyana, xa zingonakaliswanga yimisebenzi yoluntu.  Imixholo eyenza inxenye yendalo yile:  ukulunga komoya, amanzi angaphakathi, amanzi onxweme kunye neentlobo-ntlobo zezilwanyana nezityalo.

Iindidi zezityalo nezilwanyana ezohlukeneyo (Biodiversity)
Iintlobo ngeentlobo zezityalo ezityebileyo nezilwanyana ezihlala kwindawo yazo.  IFynbos ngumzekelo ochanekileyo kwiindidi zezityalo nezilwanyana ezahlukeneyo eKapa.

Ungcoliso (Contamination)
Ukungcolisa okanye ukwenza into ethile ingacoceki.

Ungcoliseko (Pollution)
Ukonakalisa okanye ukungcolisa okusingqongileyo ngenxa yemisebenzi yoluntu, ingakumbi emizini kunye nenkunkuma yamachiza, umz. izinto ezithile, ingxolo, uthuli, amavumba.

Ungcoliseko olusuka kwinto ethile (Point-source pollution)
Ungcoliseko oluphuma kuvimba omnye.

Ingxelo yophando (Scoping report)
Inqanaba lokuqala kuVavanyo lweMpembelelo yokusiNgqongileyo.

Ingxelo yoZinzo (Sustainability Report)
Ingxelo yenkqubo yeemeko zokusingqongileyo, imiba nemeko eluncedo ekwenziweni kwemigaqo-nkqubo yokusingqongileyo nokujongana nemiceli-mngeni yokusingqongileyo.

Inkqubo (Process)
Uphuhliso olwenziwa kulandelwa inkqubo – inani lamanyathelo acwangcisiweyo okanye amanqanaba.

INkqubo yeNqila yeMihlaba eVulekileyo (Metropolitan Open Space System - MOSS)
Uthungelwano olucwangcisiweyo ukuqinisekisa ukuba kukho amabala avulekileyo kwizixeko nasezidolophini ukunceda kwizinto ezinjengolondolozo, ulimo kunye ukuzonwabisa nokonwabela ezenkcubeko.

Inkqubo yokungena kwezinika-mandla kumanzi (Eutrophication)
Inkqubo apho izinika-mandla (umz. imichiza ethile esetyenziswa ikakhulu kwisichumiso okanye iinayitrethi) zidibana kubuninzi bamanzi.

INkqubo-sikhokelo yoPhuhliso lweMihlaba engaMabala yeNqila (Metropolitan Spatial Development Framework - MSDF)
Isicwangciso jikelele sokukhokela ukuba zeziphi na iindidi zophuhliso ezivumelekileyo kwiSIxeko saseKapa, iindawo ekufuneka zibekwe kuzo, umz. ulwakhiwo-zindlu, ezothutho kunye nophuhliso lweenkonzo zentlalo.

Inkungu eMdaka (Brown haze)
Ungcoliseko lomoya olubangelwa zizithuthi kunye neefektri.  Inxenye yenkungu emdaka ngumxube wenkungu nomsi neyenzeka xa umphunga wamanzi uthi udibane namasuntswana ongcoliseko kummandla. Ungayibona inkungu emdaka eKapa xa kusebusika.
 
Inkunkuma (Waste)
Naziphi isiveliso esilisolotya esigqithisileyo, into ekhutshwayo, okanye intsalela yayo nayiphi inkqubo okanye umsebenzi.

Inkunkuma engamanzi amdaka (Effluent)
Amanzi amdaka akhutshwa kwiisuweji nakumashishini.

Inkunkuma yamashishini (Commercial waste)
Yonke inkunkuma ephuma kumashishini. Olu hlobo luquka, inkunkuma evela kwiivenkile, iimarike, izakhiwo zeofisi, kwiindawo zokutyela, iindawo zokuthenga kunye nasezibhedlele.

Inkunkuma yezolimo (Agricultural waste)
Umgquba wenkukhu nempahla efuyiweyo kunye nentsalela yezinto zamanzi okanye nohlobo lwezinto eziqinileyo owenzeke xa kuveliswa naxa kuthengiswa inkukhu, impahla efuyiweyo, izilwanyana ezinoboya kunye neemveliso. Oku kuquka iinkozo, iziqhamo nenkunkuma evela xa kuvunwa iziqhamo.

Inkunkuma yenyukliya (Nuclear waste)
Amandla adalwa zizikhululo zamandla enyukliya ezikhokhelela kwinkunkuma y enyukliya – izinto eziyintshiyekela kunye nothuli nezinokungcolisa indalo esingqongileyo.

Inkunkuma (Solid waste)
Naziphi izinto ezimdaka ezinegesi okanye amanzi ezilahliweyo eziphuma kwindawo zorhwebo, imayini zorhwebo okanye  imisebenzi yezolimo kunye nemisebenzi yoluntu. Inkunkuma eqinileyo equka inkunkuma, ubutyobo bolwakhiwo, inkunkuma yorhwebo, udaka olunyikinyiki oluphuma kunikezelo lwamanzi okanye ukunyangwa kwezityalo okanye izinto zokulawula ungcoliseko lomoya kunye nezinye izinto ezilahliweyo. 

Inkunkuma enobungozi (Hazardous waste)
Inkunkuma enobungozi kwindlela yokuphila yabantu, izityalo kunye nezilwanyana, umz. inkunkuma enobungozi evela kwiifektri, izihlambululi, iyeza lokubulala izitshabalalisi kunye nezithuthi.

Inqila (Metropolitan)
Inento yokwenza nedolophu enkulu okanye isixeko, umz. urhulumente wenqila

Iinkqubo zoLawulo lokusingqongileyo (Environmental Management Systems - EMS)
Izakhiwo, izicwangciso kunye neenkqubo eziphuhlisiweyo zokulawula okusingqongileyo kummandla.

Iintlobo (Species)
Iintlobo zezilwanyana okanye izityalo.

Iintlobo ntlobo zezilwanyana (Species diversity)
Uluhlu lwezilwanyana kummandla okanye kwindawo ethile yazo.

Iintsholongwane icoliform ezinetuwa (Faecal coliforms)
La ngamaqelana entsholongwane icoliform kwaye azizibonisi ezicacileyo zongcoliseko lwetuwa ngenxa yokukhula kwazo kumaqondo obushushu aphakamileyo.

Intswela-misebenzi (Unemployment)
Xa abantu bengasebenzi – oku kuquka abantu abafuna umsebenzi abatyhafileyo abangakhange bathathe amanyathelo asebenzayo kutsha nje okufumana umsebenzi.

Ezonxweme (Riparian)
Zihlala okanye zifumaneka kudonga lomlambo womsinga okanye emilanjeni.

Inzululwazi ngehlabathi (Geomorphology)
Uphando lweempawu, imvelaphi kunye nophuliso lweemo zomhlaba.

O

Okona kuNokuSebenza kokuSingqongileyo (Best Practicable Environmental Option)
Icebo elinokukhethwa elinika olona ncedo okanye iziphumo ezinomonakalo omncinci kokusingqongileyo konke ngexabiso elamkelekileyo kuluntu ngexesha elimisiweyo elide nelifutshane.

Okumalunga nomntu (Anthropogenic)
Okuvela kubukho okanye kwimisebenzi yabantu.

Okunokuboliswa ziintsholongwane (Biodegradable)
Ukuba nako ukuqotywa kwento yindalo /okanye zizinto eziphilayo ezincinci.

Okusingqongileyo kwezentlalo nezoqoqosho (Socio-economic environment)
Indawo ethile kokusingqongileyo ehlangene nemisebenzi yoluntu (umz. Intlalo, ezoqoqosho, inkcubeko kunye nezinto neenkqubo zopolitiko). Imixholo eyinxenye yokusingqongileyo kwezentlalo nezoqoqosho yile: uqoqosho, impilo, imfundo, ukhuseleko nokhuselo, kunye nolawulo lokusingqongileyo.

Okusingqongileyo (Environment)
Okusingqongileyo kuquka izinto eziphilayo nezingaphiliyo, umz. umhlaba, izityalo, izilwanyana, umoya, amanzi kunye nabantu.  Okusingqongileyo kuquka nezakhiwo zethu ezisingqongileyo kuqoqosho lwentlalo kwakunye nesikwenzayo kwizinto ezisingqongileyo.

Okusingqongileyo okuzizakhiwo (Built environment)
Izakhiwo ezakhiwe ngabantu, umz. Izakhiwo, izindlu, iibhulorho kunye namazibuko.  Imixholo eyinxenye yezakhiwo ezisingqongileyo  lufudukelo ezidolophini, izibonelelo, ezothutho, umbane kunye nenkunkuma.

Iozowuni (Ozone)
Uhlobo lweoksijini ebugesirha ephantse ayaba nambala enevumba elifana neklorin engamanzi.

P

Ipaki kaZwelonke (National park)
Umhlaba ogcinelwe ukukhusela izityalo, izilwanyana kunye nembonakalo yelizwe kwakunye nokuzonwabisa koluntu.  KwisiXeko saseKapa, iPaki kaZwelonke kuSingasiqithi weKapa iquka iNtaba yeTafile kunye nezinye iintaba kunye nemihlaba emanzi ephela eCape Point.

Ukuphathwa kokusingqongileyo (Environmental governance)
Uxanduva lukarhulumente lwangoku nolwexesha elizayo lokukhusela okusingqongileyo ngokugada, ukulawula kunye nokwenziwa kwemithetho.

Uphicotho (Audit)
Indlela yokwenza umlinganiselo wendlela okusebenza kakuhlengayo okuthile.
>> Jonga uphicotho lokusingqongileyo.

Uphicotho lokusingqongileyo (Environmental audit)
Uvavanyo olunzulu lokujonga ukuba iziko elithile liyawulandela na umthetho, imigaqo-nkqubo yokusingqongileyo kunye neNkqubo yawo yoLawulo lokusiNgqongileyo. Iziphumo zophicotho zinceda elo ziko ekuphuculeni imigaqo-nkqubo yawo yokusingqongileyo  kunye nenkqubo yolawulo.

UPhuhliso (Development)
Inkqubo yokuguqula okuthile ukuze kuhambele phambili, kuphucuke okanye kukhule.
>> Jonga uPhuhliso lwezoQoqosho kunye noPhuhliso lokusiNgqongileyo.

Uphuhliso lokusingqongileyo (Environmental development)
Ukuthatha amanyathelo ekuphuhliseni kwakunye nokuphucula okusingqongileyo ngokuqalisa imigaqo-nkqubo yokusingqongileyo.

Uphuhliso oluzinzileyo (Sustainable development)
Uphuhliso olucwangcisiweyo lokujonga iimfuno zezizukulwana zangoku nezexesha elizayo, umz. Imfuno esisiseko seenkonzo zendalo, ezentlalo nezoqoqosho. Uphuhliso oluzinzileyo luquka ukusebenzisa nokugcina oovimba ngenkathalo.

Uphuhliso lwezoqoqosho (Economic development)
Uphuhliso lwezoqoqosho kummandla okanye kwilizwe, umz. ukwandiswa kwemisebenzi yezoqoqosho, ukuphuculwa kwezakhono zomsebenzi, ukudalwa kwamathuba omsebenzi.
 
Ukuplanwa komhlaba olibala (Spatial planning)
Ukugqiba ngeyona ndlela ingcono yokusebenzisa umhlaba olibala kuphuhliso, umz. izindlu, iifektri, iindlela kunye namabala ezemidlalo.

S

Usetyenziso (Consumption)
Ukusetyenziswa kwento ethile, umz. ngokuyitya okanye ngokuyitshisa.

Usetyenziso lomhlaba (Land use)
Ukusetyenziswa komhlaba kwimisebenzi yoluntu, umz. iindawo zokuhlala, ezorhwebo kunye noshishino.

Ukusetyenziswa komhlaba okuxubileyo (Mixed land use)
Ukusetyenziswa komhlaba okuxubileyo kubhekisela kwindibaniso yokusetyenziswa komhlaba nokuwusebenzisela ezoqoqosho, amashishini, intengiso, ukonwabisa, namaziko.

Usetyenziso olugqithileyo (Over-utilisation)
Ukusetyenziswa okugqithileyo koovimba – oku kuthi kuchaphazele usetyenziso lwazo kwixesha elizayo kunye nokusingqongileyo.

Isibonisi (Indicator)
Uphawu lomlinganiselo olunceda ekubeni ubone ukuba uyaphumelela na ekufezekiseni iinjongo zakho eziphambili. Izibonisi zisetyenziswa ixesha elininzi kwiNgxelo yoBume bokusiNgqongileyo ekumeteni umgangatho notshintsho kokusingqongileyo.

Isicwangciso soPhuhliso lwezoQoqosho (Economic Development Strategy)
Indlela yokukhokhela izinto ezenziwa ngurhulumente wemimandla ekunyuseni umgangatho wokhuphiswano lwehlabathi kunye nokunciphisa indlala ngokulungelelanisa kunye nokumanyanisa uluhlu lwemisebenzi yoqoqosho jikelele kwisiXeko saseKapa.

Isinyithi esinzima (Heavy metal)
Inkunkuma enobungozi exhaphakileyo, enokwenzakalisa izinto eziphilayo kancinci kancinci ize iye inyuka ngokunyuka ngakumbi apha kwizinto ezikukutya.

Isiza sendalo esiligugu lesizwe (Natural heritage site)
Sisiza sendalo esixabiseke kwihlabathi lonke ngenxa yobuhle baso, ezobunzululwazi, ulondolozo  siquka izinto zendalo ezinemvelo kunye nokwakheka kwaso ngokwendalo okanye amaqela olo lwakhiwo. Oku kukwaquka nemimandla eyodwa elikhaya lezityalo okanye izilwanyana ezisengozini yokutshabalala.

Isiza sokulahla inkunkuma (Landfills / Landfill site)
Iindawo ezinjengeekwari kunye nemigodi ezisetyenziselwa ukulahla inkunkuma evela ezindlwini kunye neyamashishini kunye nenkunkuma enobungozi.

Isifudumezi samanzi esisebenza ngombane welanga (Solar water heater)
Inkqubo epheleleyo esebenzayo esebenzisa amandla asuka kwilanga ukwenza amanzi abe shushu kwaye iquka iziqokeleli esinye okanye ezininzi, amatanki amanzi ashushu yonke imibhobho eyimfuneko kunye namalungu asebenzayo.

IsiXeko saseKapa (City of Cape Town - CCT)
Ugunyaziwe wengingqi obonelela abantu baseKapa ngeenkonzo zikamasipala (owamiselwa ngoDisemba ka-2000).   Oomasipala abathandathu baseBlaauwberg, Cape Town, Helderberg, Oostenberg, South Peninsula neTygerberg, kunye neBhunga leNqila laseKapa ngoku bayinxenye yesiXeko saKapa esitsha (babizwa ngokuba siSixeko Sobumbano (“Unicity”).

ISixeko soBumbano (Unicity)
Ibhunga lolawulo kunye nopolitiko lwesixeko esinye elidibanise imibutho esixhenxe karhulumente wengingqi “njengesiXeko saseKapa” ukusukela kunyulo lukarhulumente wengingqi ngenyanga kaDisemba 2000.

Isiza esiligugu lehlabathi (World heritage site)
Isiza sendalo nesaziwa ngamazwe ngamazwe njengesibaluleke kakhulu kulondolozo lobunzululwazi bezilwanyana nezityalo, umz. Ikhaya lezityalo okanye izilwanyana ezisengozini yokufa. Iziza eziligugu kwihlabathi zisetyenziswa ikakhulu njengemimandla yoqoqosho lokhenketho (ecotourism) nasekudaleni imisebenzi.

Ukususwa kwetyuwa (Desalination)
Ukusetyenziswa kwazo naziphi iinkqubo ukususa ityuwa eninzi nezinye iiminerali eziphuma emanzini khona ukuze kufunyanwe amanzi amatsha alungele unkcenkceshelo okanye ukusetyenziswa zizilwanyana, kwaye ukuba yonke ityuwa isusiwe, ukuze ibe nakho ukusetyenziswa ngabantu, ngamanye amaxesha kuveliswa ityuwa yasetafileni.

T

Uthungelwano (Network)
Inkqubo yezinto ezithile ezithungeleneyo nezikwaxhomekeke enye kwenye, umz. iindlela, iintambo zefowuni.

Itiphu (Dump)
Isiza apho kulahlwa khona inkunkuma ngendlela engalawulekiyo okanye ngomkhwa webhaqo ngaphandle kokukhathalela ukukhusela okusingqongileyo.

Utshintsho lwemozulu (Climate change)
Utshintsho olubalelwa ngokuthe ngqo nokungathanga ngqo kumsebenzi wabantu olutshintsha into equlathwe ngumoya ojikeleza umhlaba wonke. Ukukhula kweegesi ezenziwe ngabantu emoyeni ojikeleza umhlaba kubamba ubushushu belanga obubangela utshintsho kwiindlela zenkqubo zemozulu kwisikali selizwe jikelele. Iziphumo ziquka utshintsho kwiinkqubo zemozulu kwihlabathi lonke. Ifuthe liquka utshintsho kwiipatheni zokuna kwemvula, ukunyuka komphakamo wolwandle, iimbalela ezinokubakho, ilahleko yezindlu kunye noxinzelelo lobushushu.

Enetuwa (Faecal)
Kubhekiswelwa kwituwa, umz. Intsholongwane  icoliform yetuwa efumaneka emanzini.

V

Uvavanyo (Assessment)
Uphando lokuhlola kakuhle into.
>> Jonga uVavanyo lweMpembelelo kokusiNgqongileyo

Uvavanyo lokusiNgqongileyo oluCwangcisiweyo (Strategic Environmental Assessment - SEA)
Ulawulo okanye inkqubo elawulayo yokuvavanya iimpembelelo zomgaqo-nkqubo, uyilo okanye inkqubo kokusingqongileyo.

UVavanyo lweMpembelelo kokusiNgqongileyo (Environmental Impact Assessment - EIA)
Uphando ngokunokuthi kwenzeke kokusingqongileyo kwimisebenzi ecetywayo okanye kuphuhliso. Lukwabizwa njenge- "EIAs". I-EIA inceda amaqela anjengeziphatha-mandla zengingqi ekwenzeni isigqibo sokuba ingaba kufuneka bezamkele na izindululo ezicetywayo, umz. uphuhliso lomhlatyana ekuqaliseni ulwakhiwo-zindlu.

Oovimba (Resources)
Inxenye kwindalo esingqongileyo yethu esiyisebenzisayo nesiyikhuseleyo umz. amahlathi, amanzi, ubomi basendle kunye nezimbiwa (ezinjengesanti esetyenziswa kwizakhiwo).

Oovimba abanokuhlaziywa (Renewable Resources)
Izinto ezikrwada ezinokubuyiselwa ngeenkqubo zendalo.

Oovimba Abangenakuhlaziywa (Non-renewable Resources)
Iimveliso ezikrwada ezibakho ixesha elilinganiselweyo, ezingaphela nanini na. Imizekelo iquka amalahle ne-oli.

Uvimba wendalo (Natural resource)
Nawuphi uvimba onikezelwa  yindalo yemvelo.
 
Isivundiso (Compost)
Into ebolileyo evela xa iintsholongwane/imisundululu icukuceza inkunkuma elahliweyo kunye nenkunkuma eboliswe zintsholongwane, ukwenza isichumiso.

X

Ukuxananaza ezidolophini (Urban sprawl)
Ukwanda ngokukhawuleza nokungalawulekiyo ezidolophini kwimimandla yendalo.

Ukuxhaphaka (Prevalence)
Izinga lobukho bento ethile, ukwenzeka kwayo okanye ukusasazeka kwayo, umz. Ukubakho jikelele kwesifo iHIV ne-AIDS.

Uxhobiso (Capacity Building)
Ukuphuculwa kolwazi lweziko okanye ukuba nakho koluntu ukwenza imisebenzi yalo kakuhle nangokuthembekileyo. Oku kungaquka uxhotyiso ngezakhono, uphuhliso lweziko kunye nemithombo yemali.

Ukuxinana (Congestion)
Ukuxinana kwemihla ngemihla kwezithuthi nezithi zibangele ukuminyana ezindleleni.

Y

Iyeza lokubulala izitshabalalisi (Pesticide)
Into eyenzelwe ukugxotha, ukubulala okanye ukulawula nasiphi na isibulali-zityalo kuquka ukhula, izinambuzane, izikrekrethi, ikhowa, intsholongwane okanye ezinye izinto eziphilayo. Usapho lwezitshabalalisi luquka izitshabalalisi ezenziwe ngamachiza, izibulala-zinambuzane, izibulala-zikrekrethi, izibulala-makhowa kunye nezibulala-ntsholongwane.

Iyeza elenziwe ngamachiza lokubulala izitshabalalisi (Herbicide)
Iyeza lokubulala izitshabalalisi  elenzelwe ukulawula okanye ukubulala izityalo, ukhula okanye ingca. Phantse i-70% yawo onke amayeza okubulala izitshabalalisi asetyenziswa ngamafama enziwa ngamachiza. La machiza aneziphumo ezifikelela nakwizityalo ekungajoliswanga kuzo (kunezo iyeza lokubulala izitshabalalisi elenzelwe ukuzilawula)

Yonyaka wonke (Perennial)
Unyaka wonke jikelele.

Z

Izibaso zefossil (Fossil fuels)
Imathiriyeli engenakuphinde isetyenziswe kunye nezinto ezibolileyo ezinokutshiswa okanye zisetyenziselwe ukuvelisa umbane umz. ioyili, igesi yendalo kunye namalahle.

Izibonelelo (Infrastructure)
Uthungelwano lobuchule neenkonzo ezifunekayo kwimisebenzi yezoqoqosho, umz. iindlela, umbane, amanzi kunye nococo lwamanzi amdaka.

Izicwangciso zamacandelo (Sectoral strategies)
Izicwangciso, iinkqubo kunye namanyathelo ekuqwalaseleni iimfuno nokuxhalaba kwimixholo yokusingqongileyo eyohlukeneyo, umz. Umoya, inkunkuma, iindidi zezityalo nezilwanyana ezohlukeneyo.

Iziganeko zongcoliseko lomoya (Air pollution events)
Iintsuku apho izinga longcoliseko lomoya lithi logqithe ngapha kwemida esekiweyo kwizikhokelo ezamkelweyo.

Izihluma (Flora)
Ubomi bezityalo kummandla othile.

Izilwanyana zelizwe elithile (Fauna)
Ubomi bezilwanyana kummandla othile.

Izilwanyana nezityalo ezisengozini (Endangered species)
Izilwanyana, izityalo, iintaka, intlanzi, okanye ezinye izinto eziphilayo ezisengozini ngotshintsho kwindalo okanye olwenziwe ngumntu kokusingqongileyo.

Izinika-mandla (Nutrients)
Izakha-mzimba ezifunxwa zizinto eziphilayo ukuze zondleke.

Izinto eziphilayo eziziveleyo (Biophysical environment)
Inxenye yokusingqongileyo engaveliswanga ngumntu nengaxhomekekanga mntwini (umz. izinto ezizikhulelayo, amachiza, izityalo zemvelo kunye neenkqubo zazo).

Izinga loLwaphulo-mthetho (Crime rate)
Inani lolwaphulo-mthetho olwenzeke kubantu ngabanye abangama-100 000 kunyaka ngamnye.

Izinzile (Sustainable)
Into ekhuselweyo negciniweyo ukuze ibe nako ukusetyenziswa kwixesha elizayo.

Uzinzo kokusingqongileyo (Environmental sustainability)
Ukugcinwa kokusingqongileyo ngendlela efanelekileyo ukuze igcineke isempilweni kwizizukulwana zexesha elizayo.

Izityalo (Vegetation)
Iintlobo ezahlukeneyo zezityalo kwimimandla.

Izityalo zemveli (Indigenous species)
Izityalo nezilwanyana ezikhula indalo kummandla othile.

Izityalo nezilwanyana ezifunyanwa endaweni ethile (Endemic species)
Izityalo nezilwanyana ezingafumaneki nakweyiphi na indawo engenye kwihlabathi lilonke.

Izityalo okanye izilwanyana ezisengozini nezinqabileyo (Rare and endangered species)
Izityalo okanye izilwanyana ezimbalwa ngokwendalo kwaye izityalo okanye izilwanyana eziye zacuthwa zaba linani elincinci (elingazinzanga) ngenxa yokumoshwa ngabantu.


Amagama olwimi acacileyo ngu: Derrick Fine

© City of Cape Town, 2013